Joshua 11:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayebuya u‐Yoshuwa ngexesha elo, wayitimba i‐Hatsore; nokumkani wayo wambeta ngeṙele: ngokuba i‐Hatsore ngapambili ibiyintloko yabo bonke ubukumkani obo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya uYoshuwa ngelo xesha, wayithimba iHatsore, wambulala ukumkani wayo ngekrele, kuba iHatsore ngenxa engaphambili ibe iyintloko yezo zikumkani zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wajika uYoshuwa ngelo xesha, wayithimba iHatsore, wambulala ukumkani wayo ngekrele, kuba uHatsore wayefudula eyintloko yazo zonke ezo zikumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wajika apho uYoshuwa, waya kuthimba iHazore, wayibulala nekumkani yalapho. (Ngaloo mihla iHazore yayisesona sikumkani siyinjinga kwezo zalapho.)