Joshua 11:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zonke izixeko zokumkani abo, nabo bonke okumkani bazo, wabatimba u‐Yoshuwa, wababeta ngohlangoti lweṙele, ebalahlela ekutshatyalalisweni, njengokuba wabeyalela u‐Mosesi, isicaka sikayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yonke imizi yabo kumkani, nabo kumkani bayo bonke, wabathimba uYoshuwa; wababulala ngohlangothi lwekrele, wabatshabalalisa, njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa wazithimba zonke izixeko zabo kumkani nabo bonke ookumkani bazo waza wababulala ngohlangothi lwekrele, wababulala ngesiqalekiso, kanye njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wayalelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazithimba zonke ezo zixeko ezinookumkani uYoshuwa, ebulala wonke umntu kwanokumkani, kanye njengoko wayeyalelwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.