Joshua 11:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawo onke amaxoba ezizixeko, nenkomo, lwazipangela zona usapo luka‐Sirayeli: kodwa bonke abantu lwababeta ngohlangoti lweṙele, lwada lwabatshabalalisa; alwashiya namnye opefumlayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Onke amaxhoba aloo mizi neenkomo bazithimbela oonyana bakaSirayeli; kodwa bababulala bonke abantu ngohlangothi lwekrele, bada babatshabalalisa, abasalisa namnye uphefumlayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke amaxhoba aloo mizi neenkomo bazithimbelayo oonyana bakaSirayeli; kodwa bababulala wonk’ ubani ngohlangothi lwekrele de babatshabalalisa, yaye abazange bavumele nabani na ophefumlayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli emka nawo amaxhoba nemfuyo yezo zixeko. Ababulala bonke abantu, akashiya namnye.