Joshua 11:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa sentabeni ye‐Halaki, enyukayo ngase‐Sehire, nakude kwase‐Bali‐gadi emhlanjeni we‐Lebanone, ngapantsi kwayo intaba ye‐Heremone: nabo bonke okumkani babo wababamba, wababeta, wabafisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
elithabathela ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyuka ziye kwaSehire, lesa eBhahali-gadi, ethafeni laseLebhanon, phantsi kwentaba yeHermon. Bonke ookumkani bawo wabathimba, wabaxabela, wababulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukusuka kwiNtaba yeHalaki enyuka iye kwaSehire ukuya eBhahali-gadi kwintlambo yaseLebhanon phantsi kweNtaba yeHermon; bonke ookumkani bawo wabathimba, waboyisa, wababulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mmandla usuka kwintaba iHalaki ngase-Edom ezantsi, wenjenjeya ukuya kutsho eBhali-gadi emantla kuloo ntili yeLebhanon ngaphantsi kwentaba iHermon. UYoshuwa walwa ithuba elide neekumkani zalapha, kodwa ekugqibeleni wazoyisa, wazibulala.