Joshua 11:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bekuvela kuyehova ukugwenxisa intliziyo zabo, ukuba bapumele o‐Sirayeli ukulwa, ukuze babalahlele ekutshatyalalisweni, ukuba kungabiko kubo ufefe, kodwa ukuze babatshabalalise, njengokuba uyehova wabemyalela u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba kwavela kuYehova ukuziqinisa iintliziyo zabo, ukuba bawahlangabeze amaSirayeli ngemfazwe, ukuze abatshabalalise, ukuze kungabikho kubabalwa kwabo, ukuze ke abatshabalalise, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kwavela kuYehova ukuze azenze lukhuni iintliziyo zawo ukuba amhlasele uSirayeli ngemfazwe, ukuze awabethe ngesiqalekiso esitshabalalisayo, yaye awaba nanceba, ngaphandle kokuba amtshabalalise, kanye njengoko uYehova wayeyalele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wazinika isibindi sokulwa namaSirayeli, khon' ukuze zitshatyalaliswe ziphele tu kungekho lusizi. Yayingumyalelo kaNdikhoyo lowo kuMosis.