Joshua 11:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bapuma ke, bona nayo yonke imikosi yabo kunye nabo, into eninzi yabantu, njengentlabati eselunxwemeni lwolwandle ukuba baninzi, kwa namahashe nenqwelo zokulwa ngento eninzi kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphuma ke bona benemikhosi yabo yonke, abantu abaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi, namahashe, neenqwelo zokulwa, into eninzi kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bemka bona nemikhosi yabo yonke, into eninzi yabantu, ebaninzi entlabathini naselunxwemeni lolwandle, enamahashe amaninzi, neenqwelo zokulwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezo kumkani zeza nemikhosi yazo yonke, inyambalala yamajoni esith' ilanga, ekwanjalo namahashe neenqwelo ubuninzi.