Joshua 11:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati ku‐Yoshuwa: Ungoyiki ngenxa yabo; ngokuba ngomso malunga nelixesha ndiya kubanikela bonke bengababuleweyo ebusweni bo‐Sirayeli: amahashe abo uya kuwasika umbotshwa, nenqwelo zabo wozitshisa ngomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukoyika ngenxa yabo; ngokuba ngomso eli xa ndiya kubanikela bonke bephela, behlatyiwe, emandleni amaSirayeli, uwanqumle imisipha amahashe abo, uzitshise ngomlilo iinqwelo zabo zokulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; ngokuba ngomso eli xa ndiya kubanikela bonke ababuleweyo phambi koonyana bakaSirayeli; wagawuleni amahashe abo, nizitshise ngomlilo iinqwelo zabo zokulwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uzungaboyiki wena. Ngeli xesha ngomso ndoba sendiwancedile amaSirayeli ukubabulala bonke. Kufuneka amahashe abo niwatshece imisipha, nezo nqwelo zabo nizintumeke umlilo.”