Joshua 11:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula uyehova wabanikela esandleni so‐Sirayeli, abababeta, babasukela kude kwase‐Tsidone enkulu, nakude kwase‐Miserefote‐mayime, nakude kwasemhlanjeni we‐Mitsipe ngasempumalanga; baye bebabeta, bada ababashiyela namnye oseleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wabanikela esandleni samaSirayeli, ababulala, abasukela kwesa eTsidon enkulu, kwesa eMiserefoti-mayim, kwesa ethafeni laseMizpa empumalanga; ababulala kwada akwasala namnye kubo usindiliyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wabanikela esandleni soonyana bakaSirayeli, bawaxabela, bawasukela, kwada kwesa eTsidon enkulu, kwesa eMisrefoti-mayim, kwesa entilini yeMizpa ngasempumalanga; bawoyisa kwada akwasala namnye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayinikela ezandleni zabo loo mikhosi uNdikhoyo, bayoyisa, bayisukela ukuya kutsho emantla eMisefoti-mayim naseSidon enkulu, kwaya kutsho entshonalanga kuloo ntili yaseMizpa. Babatyakatya kwada akwabikho namnye useleyo.