Joshua 12:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
obepete ubukosi entabeni ye‐Heremone, nase‐Saleka, nakuyo yonke i‐Bashane, kude kwakuwo umda wama‐Geshure nama‐Mahaka, nesiqingata se‐Gileyadi, umda ka‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
elawula entabeni yeHermon naseSaleka, nakwiBhashan yonke, wesa emdeni wamaGeshuri, namaMahakati, nesiqingatha seGiliyadi, umda kaSihon ukumkani waseHeshbhon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayelawula eNtabeni yeHermon naseSaleka naseBhashan yonke ukuya kufikelela kumda wamaGeshuri namaAgati nesiqingatha saseGiliyadi kumda kaSihon ukumkani waseHeshbhon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intaba iHermon, iSaleka, kunye nayo yonke iBhashan, kuse kwimida yeGeshuri neMahaka, necala leGiliyadi, kuye kutsho kummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon, nazo zazikwalawulwa yile kumkani.