Joshua 12:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo aba ngokumkani belizwe, owababetayo u‐Yoshuwa, nosapo luka‐Sirayeli, nganeno kwe‐Yoredane ngasentshonalanga, kwa kuyo i‐Bali‐gadi emhlanjeni we‐Lebanone, nakude kwasentabeni we‐Halaki, enyukayo ngase‐Sehire; owati u‐Yoshuwa walinika ezizweni zo‐Sirayeli libe yimfuyo njengezahlulo zabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo aba ookumkani belizwe, awababulalayo uYoshuwa noonyana bakaSirayeli nganeno kwaYordan ngasentshonalanga, ethabathela eBhahali-gadi entilini yeLebhanon, wesa ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyukayo ziye kwaSehire; uYoshuwa walinika izizwe zakwaSirayeli, zema kulo ngokweentlantlu zazo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo aba ookumkani belizwe uYoshuwa noonyana bakaSirayeli aboyisayo ngasempuma kweYordan ngakwicala elingasentshona, ukusuka eBhahali-gadi entlanjeni yaseLebhanon ukuya ezintabeni zeHalaki ezinyukayo eSehire; awathi uYoshuwa wazinika izizwe zakwaSirayeli, ukuba zibe lilifa ngokwezabelo zazo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa kunye namaSirayeli bazoyisa iikumkani ezazimi kummandla ongasentshonalanga yeJordan, ukusuka eBhali-gadi kwintili vaseLebhanon kuse kwintaba iHalaki ezantsi kufuphi neSeyire. Wawohlulela izizwe zakwaSirayeli lo mmandla uYoshuwa, ukuba ziwume.