Joshua 13:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nazo zonke izixeko zasetafeni, nabo bonke ubukumkani buka‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, obepete ubukumkani e‐Heshebone, lowo u‐Mosesi wambetayo kunye nenkosi zama‐Midiyane, u‐Evi, no‐Rekeme, no‐Tsure, no‐Hure, no‐Re‐ba, ababezinkosana zika‐Sihone, zihleli kwelozwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nemizi yonke yehewu, nobukumkani bonke bukaSihon ukumkani wama-Amori, obephethe ubukumkani eHeshbhon, owabulawayo nguMoses kunye nezikhulu zakwaMidiyan: ooEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, iinkosana zikaSihon ezihleli kwelo zwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nemizi yonke yentlango, nobukumkani bonke bukaSihon, ukumkani wama-Amori, obephethe eHeshbhon, awambulalayo uMoses, nezikhulu zakwaMidiyan, uEvi, noRekem, noTsure, noHuri, noRebha, abathetheli bakwaMidiyan, noRekem, noHure, noRebha kwaMidiyan uSihon, ohlala kwelo lizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawucanda kwezo dolophu zikuloo mathafa, uwuthathe wonke umhlaba wekumkani yama-Amori uSihon, owayephethe eHeshbhon. UMosis wayoyisa le kumkani ndawonye nezilawuli zaseMidiyan: uEvi, uRekem, uZure, noYuri, kunye noRebha. La madoda ayezizibonda ezaziphantsi kokumkani uSihon.