Joshua 13:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye umda walo ubuse‐Mahanayime, yonke i‐Bashane, bonke ubukumkani buka‐Hogi ukumkani we‐Bashane, nayo yonke imizi ka‐Yahire, ese‐Bashane, izixeko ezingamashumi matandatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umda wabo wathabathela eMahanayim: iBhashan yonke, bonke ubukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, nemizana yonke yakwaYahire eseBhashan, imizi emashumi mathandathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizwe labo lathabathela eMahanayim, neBhashan yonke, nobukumkani bonke bukaOgi ukumkani waseBhashan, nemizana yonke yakwaYahire eBhashan, imizi emashumi mathandathu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ummandla waso waya kuthi xhaxhe ngeMahanayim, wadibanisa neBhashan – wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan, kunye nazo zonke ezo lali zimashumi mathandathu zaseJayire eBhashan.