Joshua 13:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonke abemi bentaba, kutabata e‐Lebanone kude kube se‐Miserefote‐mayime, onke ama‐Tsidone, ndiya kubagqogqa mna pambi kwosapo luka‐Sirayeli: kupela ulabe ngeqashiso ko‐Sirayeli libe lilifa, njengokuba ndikuyalele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bonke abemi beentaba, kuthabathela eLebhanon kuse eMisrefoti-mayim, onke amaTsidon; endiya kubagqogqa phambi koonyana bakaSirayeli. Wothi ke wena ulabele amaSirayeli ngeqashiso ukuba libe lilifa, njengoko ndakuwiselayo umthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abemi beentaba ukususela eLebhanon kuse eMisrefoti-mayim nawo onke amaSidon, ndiya kubagxotha phambi koonyana bakaSirayeli; nilabe ngamaqashiso oonyana bakaSirayeli, libe lilifa labo, njengoko ndaniwiselayo umthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wonke ummandla wamaSidon ahlala kweleentaba phakathi kweentaba zaseLebhanon neMisefoti-mayim. “Bonke abemi balapho ndobakhupha apho ukufika kwamaSirayeli. Loo mhlaba uzuwabele amaSirayeli kanye ngalaa ndlela bendikuxelele yona, ube lilifa lezizwe ezilithoba kunye nesiqingatha sakwaManase.”