Joshua 14:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KANJAKO ngawo la amafa usapo luka‐Sirayeli lwawamkela elizweni le‐Kanane, abalwabela wona u‐Elezari umperisite, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nabazintloko zendlu zoyise zezizwe zosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngawo ke la amafa abawabelwayo oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan, abawabelwa nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngawo la amazwe abawadlayo oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan, abawanikayo umbingeleli uElazare, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zoonyana bakaSirayeli, ukuba libe lilifa labo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le yinkcukacha yokwabelwa kwamaSirayeli umhlaba waseKanana ongasentshonalanga kweJordan. Lo mhlaba wabelwa abantu nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zezizwe zamaSirayeli.