Joshua 14:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku ndipe lentaba, owati uyehova wateta ngayo ngomhla lowo: ngokuba ubusiva wena ngomhla lowo, okokuba ama‐Hanaki akona, nezixeko ezikulu ezinqatyisiweyo: kungati uyehova woba nam, ukuba ndiwagqogqe, njengokuba etshilo uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko ndinike ezo ntaba wathetha zona uYehova ngaloo mini; ngokuba weva wena ngaloo mini ukuba ama-Anaki akhona, imizi yawo mikhulu, inqatyisiwe. Mhlawumbi uYehova woba nam, ndiwagqogqe ke, njengoko watshoyo uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko ndinike ezo ntaba wathetha zona uYehova ngaloo mini; ngenxa yokuba weva ngaloo mini ukuba ama-Anake ayelapho nokuba izixeko ezikhulu zenziwe iinqaba; ukuba uYehova ungakum, ndokwazi ukubagxotha, njengoko watshoyo uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke ndabele eliya leentaba ndalithenjiswa nguNdikhoyo mhla ndenza ingxelo. Nawe ngokwakho weva ngaloo mini ukuba olwaa hlanga lweengxilimbela kuthiwa ngama-Anaki ayehlala apho ezixekweni ezikhulu ezingqingwe ngeendonga. Ukuba uNdikhoyo ungakum ndozichitha kanye njengoko yena watshoyo.”