Joshua 14:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwandula lwasondela usapo luka‐Juda ku‐Yoshuwa e‐Gilegale; waza u‐Kalebi, unyana ka‐Jefune um‐Kenazi, wati kuye: Uyayazi wena into wabeyiteta uyehova ku‐Mosesi, indoda katixo, ngokwam nangokwako e‐Kadeshebaneha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basondela oonyana bakaYuda kuYoshuwa eGiligali. Wathi uKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, kuye, Uyalazi wena ilizwi awalithethayo uYehova kuMoses umntu kaThixo, ngenxa yam nangenxa yakho, eKadeshe-bharneha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza oonyana bakaYuda kuYoshuwa eGiligali, wathi uKalebhi, unyana kaYefune, umKeni, kuye, Uyalazi wena ilizwi likaYehova, awalithethayo uYehova kuMoses, umfo wakwaThixo, ngawe nangawe, eKadeshe-bharneha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu besizwe sakwaJuda bafika kuYoshuwa eGiligali, uKalebhi unyana kaJefune umKenezi wathi kuYoshuwa: “Uyayazi into eyathethwa kuMosis umfo wakwaThixo *nguNdikhoyo mayela nawe kunye nam eKadeshe-bhaneya.