Joshua 14:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti abazalwana bam, ababenyuke nam, banyibilikisa intliziyo zabantu: mna kodwa ndakolisa ukulandela uyehova, utixo wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abazalwana bam, abanyukayo nam, bayinyibilikisa intliziyo yabantu; ke mna ndakuzalisa ukumlandela uYehova uThixo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa abazalwana bam, abanyuka nam, bayidimaza intliziyo yabantu, mna ke ndamlandela uYehova uThixo wam ngokupheleleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba ndamthobela ngomxhelo wam wonke uNdikhoyo uThixo. Kambe ke amadoda awayekunye nam abatsho bankwantya abantu.