Joshua 14:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayefunga u‐Mosesi ngomhla lowo, esiti: Ngenyaniso lomhlaba inyawo zako zinyatele pezu kwawo, woba lilifa lako nelabantwana bako kude kube ngunapakade! ngokuba ukolisile ukulandela uyehova, utixo wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafunga ke uMoses ngaloo mini, esithi, Inene, ilizwe elinyathelwe lunyawo lwakho loba lilifa lakho, neloonyana bakho, kude kuse ephakadeni, ngokuba ukuzalisile ukumlandela uYehova uThixo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafunga ke uMoses ngaloo mini, esithi, Inene, ilizwe elinyathelwe lunyawo lwakho loba lelakho, nelifa loonyana bakho, kude kuse ephakadeni, ngokuba ukuzalisile ukumlandela uYehova uThixo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko uMosis wafunga wathi kum: ‘Inene, laa mhlaba unyathele kuwo woba lilifa lakho ndawonye nenzala yakho ngonaphakade, kuba umthobele ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo wam.’