Joshua 15:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza umda lowo wapumela ecaleni le‐Hekrone ngasenode; wandula umda lowo wolukela ngase‐Shikrone, wadlulela entabeni ye‐Bahala, wapumela e‐Yabinele; nokupela kwomda lowo kwakuselwandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma umda waya egxalabeni le-Ekron ngasentla, wahlaba umda waya eShikron, wegqitha waya entabeni yeBhahala, wema ngeYabheneli umda waya wema ngolwandle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye umda waphuma waya kwicala le-Ekron ngasemntla, yaye umda waphuma waya kufika eShikron wadlulela kwintaba kaBhahali wadlulela eYabheneli; Umda wawuselwandle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mda wawunyuka uye kwinduli engasentla kwe-Ekron, ujike ujonge eShikeron, udlule intaba iBhala, wenjenjeya ukusinga eYabheneli. Wawuhamba uyokuma ngolwandle