Joshua 15:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
No‐Kalebi, unyana ka‐Jefune, wamnika isabelwa pakati kwosapo luka‐Juda, ngelizwi likayehova ku‐Yoshuwa, isixeko sika‐Areba uyise ka‐Hanaki, esiyiyo i‐Hebrone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UKalebhi unyana kaYefune wamnika isabelo phakathi koonyana bakaYuda, ngokutsho kukaYehova kuYoshuwa: umzi ka-Arbha uyise ka-Anaki ngowaseHebron ke lowo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uKalebhi unyana kaYefune wanikezwa isabelo phakathi koonyana bakaYuda, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uYoshuwa, umzi ka-Arbha, uyise kaEnaki, eyiHebron ke leyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inxalenye yommandla wakwaJuda wabelwa uKalebhi unyana kaJefune wesizwe sakwaJuda, ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuYoshuwa. Wabelwa iHebron, isixeko sika-Arbha, uyise ka-Anaki.