Joshua 15:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza wapumela ecaleni lasesuyide leqina lase‐Hakerabime, wadlulela e‐Tsine, wenyuka esuyide waya e‐Kadeshe‐baneha, wadlulela e‐Hetserone, wenyukela e‐Adari, wajikela e‐Karaka;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma, wasinga ngezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqitha waya eTsin, wenyuka waya ngasezantsi kweKadeshe-bharneha, wegqitha waya eHetseron, wenyuka waya eAdare, wajika waya eKarka;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye waphuma waya ngasemzantsi weMahale-hakrabhim wadlulela eTsin wenyuka waya ngasemzantsi weKadeshe-bharneha wadlulela eHetseron wenyuka waya eAdare wajikeleza iKarkaha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uhle ubheke ezantsi ukusuka kwiNkalo yooNomadudwana, ugqithele eZin. Wawutyhutyha amazantsi eKadeshe-bhaneya, udlule eHezeron, unyuke usinge eAdare, ujike ujonge ngaseKareka,