Joshua 15:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza wadlulela e‐Hatsemone, wapumela emlanjeni wase‐Jipete; nokupela kwawo umda lowo kwakuselwandle: nguwo lo oya kuba ngumda wenu wasesuyide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wegqitha waya eAtsemon, wema ngomlanjana waseYiputa, ukuma komda wema ngolwandle. Nguwo lowo umda wenu wangasezantsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wegqitha khona apho, waya eAshmon, wegqitha waya emlanjeni waseYiputa; kwaye iindlela zaloo nxweme zazingaselwandle; olu loba lunxweme lwayo olungasezantsi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wenjenjeya usinga eAzemon, ugudle intlambo ekuthiwa yeyeJiputa, ujonge elwandle, apho ufika ume khona. Ngumda ongasezantsi wakwaJuda ke lowo.