Joshua 15:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza umda lowo wenyukela e‐Bete‐hogela, wadlula ngecala lasenode le‐Bete‐haraba; wabuya wenyuka umda lowo waya elityeni lika‐Bohane unyana ka‐Rubene:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-arabha, wajika umda waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-harabha; yaye umsonto wenyuka waya kwilitye likaBhohan unyana kaRubhen.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
unyuke ubheke ngaseBhete-hogela, ubheke entla eBhete-arabha. Wawusuka apho unyukele kwiLitye likaBhohan (uBhohan ngunyana kaRubhen),