Joshua 15:63 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ama‐Yebusi, abemi base‐Yerusaleme, usapo luka‐Juda lwakohlwa ukuwagqogqa: ngako ama‐Yebusi ahleli nosapo luka‐Juda e‐Yerusaleme, kude kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke amaYebhusi, abengabemi baseYerusalem, ababanga nako ukuwagqogqa oonyana bakaYuda; ahlala amaYebhusi noonyana bakaYuda eYerusalem nanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke amaYebhusi, abengabemi baseYerusalem, ababanga nako ukuwagqogqa oonyana bakaYuda; kodwa amaYebhusi asaqhubeka ehlala eYerusalem noonyana bakaYuda de kube namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke kambe amaJuda akazanga aba nako ukuwagxotha amaJebhusi awayemi eJerusalem. Asahlala apho nangoku kunye noonyana bakaJuda.