Joshua 15:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza wenyuka umda lowo ngesihlambo sonyana ka‐Hinome waya ecaleni lasesuyide le‐Yebusi, ekwa yiyo i‐Yerusaleme: wabuya wenyuka umda lowo waya engcotsheni yentaba epambi kwesihlambo sika‐Hinome ngasentshonalanga, esisesipelweni somhlambo wama‐Rafa ngasenode:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka umda ngomfula woonyana bakaHinom, waya egxalabeni lowamaYebhusi ngasezantsi: yiYerusalem ke leyo; wenyuka umda waya encotsheni yentaba ephambi komfula wakwaHinom, ngasentshonalanga, osekuphekeni kwentili yamaRafa ngasentla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka umda ngomfula woonyana bakaHinom, ngasemzantsi wamaYebhusi; YiYerusalem ke leyo; wenyuka umda waya encotsheni yentaba, malunga nomfula wakwaHinom, ngasentshonalanga, osekuphekeni kwentili yamaRafa ngasentla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uze unyuke utyhutyhe intili yoonyana bakaHinom esethambekeni lenduli ekwakumi kuyo isixeko samaJebhusi (yiJerusalem ke leyo), usuke apho unyuse intaba, utsho encotsheni ngakwicala langasentshona lentili iHinom ngasentla kumaphethelo entili yamaRafa.