Joshua 16:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza umda lowo wapumela ngaselwandle e‐Mikemetate ngecala lasenode, wajika apo umda lowo waya ngasempumalanga e‐Tahanate‐shilo, wadlula kona ngecala lasempumalanga waya e‐Yanoha;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
waphuma umda waya elwandle, eMikemetati ngasentla; wajika umda waya empumalanga eTahanati-shilo, wegqitha khona ngasempumalanga eYanowa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
waba umda waya elwandle, wesa eMigmeta ngecala langasentla; umda waphuma ngasempumalanga eTahanati-silo, waya eYanoha ngasempumalanga;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
usuke apho uye kutsho elwandle. Ngasemantla apho yayiyiMikemetati, kuthi ngasempumalanga yalapho ujike umda ujonge iTanati-shilo, udlule apho kwangasempuma yalapho, ujonge eYanowa.