Joshua 16:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uvela e‐Tapuwa waya umda lowo ngasentshonalanga emlanjeni we‐Kana; nokupela kwawo kwakuselwandle. Lilo eli ilifa lesizwe sosapo luka‐Frayime ngezizalwane zalo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
umda wesuka eTapuwa waya entshonalanga, eMlanjaneni weeNgcongolo; nokuma kwawo waya wema ngolwandle. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka umda eTapuge ngasentshonalanga, waya emlanjeni waseKana; yaye indlela yawo yokuphuma yayingaselwandle. Lilo elo ilifa loonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho umda wawucanda ngasentshonalanga ukusuka ngaseTapuwa, ubheke kwintlambo iKana, uye kuma ngolwandle. Nguwo ke lowo umhlaba owaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaEfrayim.