Joshua 17:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngasesuyide libe lilelika‐Frayime, nangasenode libe lilelika‐Manase, nolwandle lwalungumda wake; baye befikela kwa‐Ashere ngasenode, nakwa‐Yisakare ngasempumalanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngasezantsi laba lelikaEfrayim, ngasentla laba lelikaManase; ulwandle lwaba ngumda wakhe. Baqubisana noAshere ngasentla, baqubisana noIsakare ngasempumalanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngasezantsi laba lelakwaEfrayim, ngasentla laba lelikaManase; ulwandle lwaba ngumda walo; bahlanganisana kwa-Ashere ngasentla, nakwaIsakare ngasempumalanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isizwe sakwaEfrayim sasingasezantsi, esakwaManase sona singasentla, ulwandle lungasentshona. UAshere wayemi ngasentla koManase, uIsakare emi ngasempuma.