Joshua 17:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kwa‐Yisakare nakwa‐Ashere u‐Manase ebene‐Bete‐shane namagxamesi ayo, ne‐Yibelame namagxamesi ayo, nabemi base‐Dore namagxamesi ayo, nabemi base‐Hene‐dore namagxamesi ayo, nabemi base‐Tahanaki namagxamesi ayo, nabemi base‐Megido namagxamesi ayo, amazwe amatatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
KwaIsakare nakwa-Ashere uManase waba neBhete-shehan namagxamesi ayo, neIbleyam namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi base-Endore namagxamesi ayo, nabemi baseTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo, ummandla onduli zintathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uManase wayidla ilifa iBhete-shehan namadlelo ayo, neIbleyam namadlelo ayo, nabemi beDore namadlelo ayo, nabemi base-Endore namadlelo ayo, nabemi baseTahanaki namadlelo ayo abemi baseMegido namagxamesi ayo: amazwe amathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphakathi kwemida yakwaIsakare nakwa-Ashere iBhete-shan kunye neIbleyam, neelali ezizingqongileyo, yayizezakwaManase, kwakunye neDore engaselwandle, ne-Endore, iTanaki, iMegido, kwaneelali ezizijikelezileyo.