Joshua 17:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Tselofehadi, unyana ka‐Hefere, unyana ka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase, ebengenabo onyana, wanentombi kupela: ngawo la amagama entombi zake: ngu‐Mahala, no‐Noha, n o‐Hogela, n o‐Mileka, no‐Tiretsa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uTselofehade, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, ebengenanyana; ebeneentombi zodwa.Ngawo la amagama eentombi zakhe: uMala, noNoha, noHogela, neMilka, noTirtsa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMagire, unyana kaManase, ebengenanyana; eneentombi zodwa; Ngawo la amagama eentombi zakhe: nguMagla, noNowa, noHogla, noMilka, noTirtsa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UZelofehadi unyana kaHefere, ozalwa nguGiliyadi unyana kaMakire ozalwa nguManase, yena akazanga azale madoda, yaba ziintombi zodwa. Nanga amagama azo: uMala, noNowa, uHogela, noMilika, kunye noTirza.