Joshua 17:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bona besondela ebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni buka‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nasebusweni benkosi, besiti: Uyehova wamyalela u‐Mosesi ukuba sinikwe ilifa pakati kwabazalwana betu. Waza wabanika, ngelizwi likayehova, ilifa pakati kwabazalwana boyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zasondela phambi koElazare umbingeleli, naphambi koYoshuwa unyana kaNun, naphambi kwezikhulu, zathi, UYehova wamwisela umthetho uMoses, ukuba asinike ilifa phakathi kwabazalwana bethu. Wazinika ke ngokomlomo kaYehova ilifa phakathi kwabazalwana bakayise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza kuElazare umbingeleli, nakuYoshuwa unyana kaNun, nakubathetheli, bathi, uYehova wamwisela umthetho uMoses, ukuba asinike ilifa phakathi kwabazalwana bethu. Ngoko wabanika ilifa phakathi kwabantakwaboyise ngokomyalelo kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zaya kuElazare umbingeleli, bekunye noYoshuwa unyana kaNune kwaneenkokheli, zafika zathi: “*UNdikhoyo uyalele uMosis ngelithi nathi aze asabele umhlaba kunye nezizalwana zethu ezingamadoda.” Ke ngoko zawunikwa umhlaba kwanjenge-zizalwana zabo ezingamadoda njengoko uNdikhoyo wayetshilo.