Joshua 17:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba intombi zika‐Manase zamkela ilifa pakati kwonyana bake: nelizwe le‐Gileyadi lona onyana baka‐Manase abaseleyo bebenalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba iintombi zikaManase zabelwa ilifa phakathi koonyana bakhe; lathi nelizwe laseGiliyadi laba lelabanye oonyana bakaManase.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba iintombi zikaManase zabelwa ilifa phakathi koonyana bakhe; nelizwe laseGiliyadi laba nabanye oonyana bakaManase.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kungenxa yokuba abazukulwana bakaManase abaziintombi nabangamadoda babelwa umhlaba. Umhlaba waseGiliyadi wona wabelwa enye inxalenye yabazukulwana bakaManase.