Joshua 17:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku umda ka‐Manase wavela e‐Ashere waya e‐Mikemetate, engapambi kwe‐Shekeme; wasuka umda lowo waya ngasekunene, kubo abemi base‐Hene‐tapuwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umda kaManase wathabathela kwa-Ashere, waya eMikemetati ephambi kowakwaShekem; wahamba umda ngasekunene, waya kubemi base-En-tapuwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umda kaManase wathabathela kwa-Ashere, waya eMigmeta ephambi kweShekem; kwaye umgca uhamba ngqo kubantu base-Entapuag.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ummandla wesizwe sakwaManase wawusuka eAshere use eMikemetati ngasempumalanga yeShekem. Umda wawusihla uye ngasezantsi, uquke bonke abantu base-En-tapuwa.