Joshua 17:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umda lowo wehlela emlanjeni we‐Kana, ngasecaleni lasesuyide lomlambo: ezizixeko zibe zizezika‐Frayime, pakati kwezixeko zika‐Manase. Kanjalo umda ka‐Manase ubusecaleni lasenode lomlambo, nokupela kwawo kwakuselwandle:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wehla umda waya eMlanjaneni weeNgcongolo, ezantsi komlanjana. Le mizi ilunge kuEfrayim yaba phakathi kwemizi kaManase: nommandla wakwaManase wawungasentla komlanjana; ukuma kwawo waya wema ngolwandle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla umda wommandla waya emfuleni iKana, ezantsi komlambo; Le mizi yakwaEfrayim yayiphakathi kwemizi yakwaManase; Umda kaManase waba ngasentla koMlambo, ukuma kwawo waya wema ngolwandle;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawusihla loo mda ubheke ezantsi ngakwintlambo iKana. Izixeko ezingezantsi kwaloo ntlambo yayizezakwaEfrayim, nakuba zazikummandla wakwaManase nje. Umda wakwaManase wawucanda ngakwicala elingasentla kwaloo ntlambo, uye kuma ngolwandle.