Joshua 18:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kunyuka iqashiso lesizwe sosapo luka‐Benjamine, ngezizalwane zalo: wapuma umda weqashiswa lalo pakati kwosapo luka‐Juda nosapo luka‐Josefe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwavela iqashiso lesizwe soonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; umda weqashiso labo waphuma phakathi koonyana bakaYuda noonyana bakaYosefu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Laphuma iqashiso lesizwe soonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; umda welifa labo waphuma phakathi koonyana bakaYuda noonyana bakaYosefu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaqala kwaphuma iqashiso lommandla wezindlu zesizwe sakwaBhenjamin. Umhlaba wabo wawumi phakathi kwesizwe sakwaJuda nesakwaJosefu.