Joshua 18:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza umda lowo wehlela esipelweni sentaba epambi kwaso isihlambo sonyana ka‐Hinome, esisemhlanjeni wama‐Rafa ngasenode; wandula wehlela esihlanjeni sika‐Hinome, ecaleni le‐Yebusi ngasesuyide, wehla kanjalo waya e‐Hene‐rogela;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wehla umda waya ekupheleni kwentaba ephambi komfula woonyana kaHinom, osentilini yamaRafa ngasentla; wehla ngomfula wakwaHinom, waya egxalabeni lamaYebhusi ngasezantsi, wehla waya e-En-rogele;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla umda waya ekupheleni kwentaba phambi kwentlambo yonyana kaHinom entlanjeni yeeNefili ngasemntla, yaye wehla waya kwintlambo kaHinom entlanjeni yaseYebhusi uye ngasezantsi wehle uye e-Enerogele;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
usuke apho uhle ubheke phantsi kwentaba ejonge kwintili yoonyana bakaHinom engasentla kwentili yamaRafa. Wawusuka apho uhle utyhutyhe loo ntili iHinom kwithambeka emazantsi esixeko samaJebhusi, ubheke ngase-En-rogele.