Joshua 18:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza woluka enode, wapumela e‐Hene‐shemeshe; wapuma kona waya e‐Gelilote, emalungana neqina lase‐Adumime, wehlela elityeni lika‐Bohane unyana ka‐Rubene,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wahlaba uvela entla, waphuma waya e-En-shemeshe, waphuma waya eGeliloti, emalunga nokunyuka kweAdumim; wehla waya etyeni likaBhohan, unyana kaRubhen;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka entla, waphuma waya e-Enesem, waphuma waya eGeliloti, malunga nethambeka laseAdumim, wehla waya engxondorheni kaBhohan unyana kaRubhen.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyajika ujonge emantla e-En-shemeshe, uze ugqithele eGeliloti ngakwinkalo yeAdumim. Ukusuka apho uyehla uye ngakwiLitye likaBhohan (uBhohan wayengunyana kaRubhen),