Joshua 18:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza esuka amadoda lawo, emka ke. Waye u‐Yoshuwa eyalele abo bemkayo ukuya kubalisa ilizwe, ngokuti: Hambani nicande elizweni, nilibalise; nize nibuyele kum, ukuba ndinenzele apa amaqashiso pambi kwoyehova e‐Shilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asuka ke amadoda lawo ahamba. UYoshuwa wabawisela umthetho abo bahambayo beya kulibhala ilizwe, esithi, Yiyani, nilihambe ilizwe, nilibhale, nize nibuyele kum, ndiniwisele amaqashiso phambi koYehova eShilo apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Asuka amadoda lawo, emka; uYoshuwa wabawisela umthetho abo baza kulibhala ilizwe, wathi, Hambani nelizwe, nilibhale, nibuyele kum, ndinenzele amaqashiso apha phambi koYehova, Shilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Anduluka ke loo madoda, aya kucanda umhlaba, emva kokuba uYoshuwa wayethe: “Ze niwujikeleze niwucande loo mhlaba, nizibhale iinkcukacha zawo, nibuye nize kum. Mna ndoqonda kuNdikhoyo ngokwenza *amaqashiso apha eShilo.”