Joshua 19:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wadlula kona ngapambili, ngasempumalanga, waya e‐Gate‐hefere, nas e‐Hete‐katsine, wapumela e‐Rimone, wolukela e‐Neha;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wegqitha khona empumalanga, waya eGita-hefere, wesa eIttakashin, wegqitha eRimon-metoare, waya eNege;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha.