Joshua 19:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula wabuya umda lowo waya ngasentshonalanga e‐Azenote‐tabore, wapuma kona waya e‐Hukoke, wafikela kwa‐Zebulone ngecala lasesuyide, wafikela nakwa‐Ashere ngecala lasentshonalanga, nakwa‐Juda e‐Yoredane ngasekupumeni kwelanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenoti-tabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umda waya ngasentshona eAshnot-tare, ukusuka apho waya eHukoki, waya kwaZebhulon ngasemzantsi, waya kwa-Ashere ngasentshona, noYuda neYordan ngasempumalanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho wawufika ujonge ngasentshonalanga uye eAzenoti-tabhore, usuke apho uye eHukoki, ubethe ngakuZebhulon emazantsi, udlule kwa-Ashere ngasentshonalanga, naseJordan kwicala langasempumalanga.