Joshua 19:47 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye umda wosapo luka‐Dane wapuma kulo: ngokuba usapo luka‐Dane lwenyuka ukuya kulwa ne‐Lesheme, lwayitimba, lwayibeta ngohlangoti lweṙele, lwayibamba, lwahlala kuyo, lwayibiza i‐Lesheme ngokuti yi‐Dane, njengegama lika‐Dane uyise walo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umda woonyana bakaDan wema ngayo. Benyuka ke oonyana bakaDan, baya kulwa neLeshem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bayihlutha, bema kuyo, bathi ukuyibiza iLeshem kukwaDan, ngegama likaDan uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umhlaba woonyana bakaDan ubemncinane kubo; ke ngoko, oonyana bakaDan bahamba baya kulwa neLesem baza bayithimba baza bayoyisa ngohlangothi lwekrele baza bayithimba baza bahlala kuyo baza bayibiza iLesem Dan ngegama likaDan uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athi akulahlekelwa ngumhlaba wawo amaDan aya kuhlasela iLeshem. Ayithimba yaba yeyawo akuba ebabulele abemi balapho. Ema apho, alijika negama layo iLeshem, athi ukuyibiza kwayo yiDan, eyithiya ngokhokho wawo uDan.