Joshua 19:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
La catshulwa esahlulweni sosapo luka‐Juda ilifa losapo luka‐Simone: ngokuba isabelwa sosapo luka‐Juda besisikulu kulo; ngako usapo luka‐Simone lwamkela ilifa pakati kwelifa lalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Laba sesabelweni soonyana bakaYuda ilifa loonyana bakaSimon; ngokuba isabelo soonyana bakaYuda sabagqitha.Oonyana bakaSimon babelwa ilifa phakathi kwelifa labo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilifa loonyana bakaYuda lavela elifeni loonyana bakaSimon; ngokuba isabelo soonyana bakaYuda besisikhulu kubo; ke ngoko, oonyana bakaSimon banikwa ilifa labo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umhlaba wakwaJuda inxalenye yawo yabelwa isizwe sakwaSimon ukuba ibe lilifa laso, kuba wawumkhulu ngaphezu kokuba isizwe sakwaJuda sasiwudinga.