Joshua 2:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, wasusa amadoda amabini e‐Shitime ukuya kuhlola ngasese, esiti: Hambani, niye kukangela ilizwe, ne‐Jeriko. Ahamba ke, aya angena endlwini yompinyiswa, ogama lingu‐Rakabi, alala kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yoshuwa unyana kaNun wesusa amadoda amabini aziintlola, esithi ngasese, Hambani niye kulikhangela ilizwe neYeriko.Ahamba ke, aya endlwini yenkazana elihenyukazi, egama linguRahabhi, alala khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa unyana kaNun wesusa amadoda amabini aziintlola, wathi ngasese, Hambani niye kulikhangela ilizwe laseYeriko. Ahamba ke afika endlwini yehenyukazi eligama linguRahabhi, ahlala khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke uYoshuwa into kaNune wathumela ngasekhusini iintlola zambini zisuka apho babekhulule khona eShitim, wathi: “Hambani niye kuhlola ilizwe laseKanana, ngokukodwa idolophu iJeriko.” Esukile ke loo madoda aya kungena kumzi wehenyukazi uRahabhi.