Joshua 2:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba sivile okokuba uyehova wanitshisela amanzi olwandle olubomvu, ekupumeni kwenu e‐Jipete; noko enanikwenza kokumkani bobabini baba‐Amori, abebepesheya kwe‐Yoredane, ku‐Sihone naku‐Hogi, enabalahlela ekutshabalaleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba sivile ukuba uYehova wawomisa amanzi oLwandle oluBomvu phambi kwenu ekuphumeni kwenu phambi kwenu ekuphumeni kwenu eYiputa; noko nakwenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, oSihon no-Ogi, enabasingela phantsi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba sivile ukuba iNkosi yanitshisela amanzi olwandle lwaseGalili ekuphumeni kwenu eYiputa; noko nakwenzayo kookumkani ababini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, uSihon no-Ogi, enabaqalekisayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sayiva nento yokuba uNdikhoyo walomisa uLwandle oluBomvu ukuba niwele ukunduluka kwenu eJiputa. Saziva neendaba zokubatshabalalisa tu kwenu ooSihon no-Ogi iikumkani zama-Amori ezazimi kwelaa cala lingasempumalanga yeJordan.