Joshua 2:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yayisiti kuwo: Hambani niye entabeni, hleze bafumanane nani abaputumayo; nize nizimele apo intsuku zibe ntatu, bade babuye abaputumayo; niti kamva nihambe ngendlela yenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kuwo, Yiyani entabeni, hleze baqubisane nani abo banisukelayo; zimelani khona iintsuku zibe ntathu, bade babuye abo banisukelayo, nandule ke ukuhamba indlela yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Hambani niye entabeni, banganihlanganisi abanitshutshisayo; zimele apho iintsuku ezintathu, bade babuye abo banisukelayo; kwaye emva koko ungahamba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Ze niye kuzimela ezintabeni, ningabonwa ngamadoda athunywe ngukumkani. Ze nihlale apho iintsuku ezintathu, de loo madoda abuye, nandule ke nina ukugoduka.”