Joshua 2:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, sakufika elizweni, uya kubopa lentambo yentsinga ezibomvu efenstileni usihlisile ngayo; noyihlo, nonyoko, nabazalwana bako, nabo bonke abendlu kayihlo, nobabutela kuwe endlwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyabona, sakufika kweli lizwe, wobopha intsontelo yosinga olu lubomvu efestileni le usihlise ngayo; uhlanganisele kuwe endlwini yakho uyihlo, nonyoko, nabanakwenu, nendlu yonke kayihlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyabona, sakungena kweli lizwe, ubophe le ntsontelo ibomvu efestileni obusihlise ngayo; ngenisa uyihlo nonyoko nabantakwenu nosapho lwakho lonke ekhaya eya kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
xa singena kweli lizwe kufuneka ubophelele lo msonto ubomvu kule festile usikhuphe ngayo. Kufuneka uze noyihlo nonyoko nabantakwenu, nabo bonke abantu bakowenu, ubahlanganisele endlwini yakho.