Joshua 2:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuya kwandula ukuti, osukuba epuma ngengcango zendlu yako aye pandle, igazi lake malibe pezu kweyake intloko, siti tina singabi natyala; nosukuba enawe endlwini, igazi lake malibe pezu kwentloko yetu, ukuba isandla sipezu kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, bonke abasukuba bephuma emnyango endlwini yakho, besiya phandle, igazi labo libe phezu kwentloko yabo, sibe msulwa thina; ke bonke abasukuba bekuwe endlwini, igazi labo loba phezu kwentloko yethu, ukuba kuthe kwasiwa sandla kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Osukuba ephuma emnyango wendlu yakho, esiya phandle, igazi lakhe loba phezu kwentloko yakhe, sibe msulwa thina; osukuba ekuwe endlwini, igazi lakhe malibe phezu kwentloko yethu, ukuba kuthe kwasiwa sandla kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba ngaba kubekho mntu uphumela ngaphandle kule ndlu, aze abulawe, lityala lakhe. Kanti ke xa kwenzakaliswe umntu esendlwini yakho, ityala loba lelethu.