Joshua 2:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yabe inkazana leyo itabatile lomadoda omabini, yawafihla; yaza yatsho ukuti: Kwafika amadoda kum, kodwa bendingawazi avela pina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yawathabatha loo nkazana loo madoda omabini, yawafihla;yathi, Okunene afikile kum amadoda lawo, andazi ukuba avela ngaphi na;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yawathabatha inkazana loo madoda omabini, yawafihla, isithi, Bekukho amadoda abesiza kum, phofu bendingawazi apho abevela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
URahabhi waphendula wathi: “Ewe, ebekho amadoda ebefikile apha kwam, phofu andiwazi ukuba abe evela phi na. Kambe ke ahambe ukutshona kwelanga, kungekavalwa namasango edolophu le. Andikhange ndibuze apho aya khona, kodwa ukuba niyawasukela ningawafumana.” (Ethetha le nto nje uRahabhi ezo ntlola wayezifihle phezu kwendlu, zingaphantsi komqhaphu owawubekwe apho.)