Joshua 2:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asuka amadoda awaputuma ngendlela yase‐Yoredane, ngasemazibukweni: kwaza kwavalwa isango, emveni kwokuba sebepumile abo bawaputumayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amadoda awasukela ngendlela yaseYordan eya emazibukweni;lavalwa isango emveni kokuba bephumile abo basukelayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Awasukela loo madoda ngendlela yaseYordan, esa emdeni; baphuma ke abo basukelayo, balivala isango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ahamba ke loo madoda ngendlela eya kumazibuko eJordan, esukela iintlola ezo. Avalwa kwangoko amasango.