Joshua 2:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yayisiti emadodeni lawo: Ndiyazi ukuba uyehova unipile elilizwe, nokuba isoyikeko senu siwile pezu kwetu, nokuba bancamile bonke abemi belizwe ngenxa yenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe; nokuba siwelwe luqhiphuko-mbilini ngani; nokuba bathe amandla bonke abemi beli lizwe ebusweni benu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuloo madoda, Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe, nokuba ukulinda kwenu kube phezu kwethu, nokuba bafa bonke abemi belizwe ngenxa yenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wafika wathi: “Ndiyazi ukuba *uNdikhoyo ulinike nina eli lizwe. Bonke abemi beli lizwe bayankwantya nini; boyika ngokokude baphelelwe ngamandla.